Columns

A bit of running and a bit of Div

In the opening week of the FNB Varsity Cup and Shield I usually throw out a prediction or make a plea with certain teams to win their respective competition.

Kule veki kuvulwa ngayo I FNB Varsity Cup okanye shield ndidla ngokuqashisela okanye ndicenge amaqela athile ukuba aphumelele kukhuphiswano angene kulo.

Kulonyaka uphelileyo ke, umnqweno wam wokuba kuphumelele iqela lasemantla ufezekile emva kokubukela imaties iphumelela minyaka le.

Kubake ndihlala emantla elizwe andinawuthi imbasa mayehle ibuyele emazantsi. Bekumnandi ukubukela umdlalo wokugqibela epitoli kodwa ke kulonyaka ndingathanda ukuwubukelela ejoburg okanye epotch.

Masime ke kodwa silinde isithonga sokuqala , sibone ukuba ame njani amaqela alonyaka.

Manditsho ndithi kwiveki yokuqala ye varsity shield bekuqhushumba kwaye ndivuyisana ne FNB UWC ne Kwa-zulu Natal university ngokuphumelela imidlalo yabo yokuqala.

Ibikukubetha kwe UWC i FNB TUT okundothusileyo. Hayi nje indlela abadlale ngayo kodwa nesimo somdlalo wabo.

Ndisibonile kusasukwa isandla sika Peter de Villiers kwicala labo.

U de Villiers yena lo yindoda ekholelwayo kumbhoxo owandileyo, abaninzi bathi yi 'champagne rugby' kodwa idabi alkhe lokiba neSpringboks zidlale lomdlalo lapheliswa ngabaphetheyo.

Kukwelinqanaba lombhoxo apho u de Villiers anganento ayenzayo ngalomdlalo. Ndiyibonile lonto ngoku I UWC ibibhenca iTUT.

Obekusonwabisa kakhulu kukubona iUWC ibonisa into yokuba umntu. Anganawo umthetho kodwa akwazi nokuyiphosa ibhola naphina.

Manditsho into yokuba zange ndayitganda into yokuba abaqeqeshi abaphambili baqeqeshe amaqela evarsity cup ne shield kodwa ndiyalwamkela ulwazi abeza nalo.

For an English version of this article CLICK HERE

Vata Ngobeni is the acting sports editor at the Pretoria News

Joomla Random Flash Module by DART Creations