Columns

No place like home in Varsity Cup

Iyabaleka imithetho ebekwe ngumbutho wombhoxo eyenza ibeyilento iyiyo, yaye zimbalwa nje izinto ekufuneka zenzwe liqela ukuze liphumelele kwi FNB Varsity Cup kulonyaka.

iVarsity Shield nayo iqhale ngesona sithonga, akothusi ukuba iziphumo ze Varsity Cup aziqikeleleki.

iUniversity yase North West ithathe elithuba lokudlalela ekhaya , yadlala kakuhle xa ibetha iUniversity yase Pretoria.

Ne University yase Kapa nokunjalo xa ibidlala ekhaya.

Kunzima ukubona amaqela esiya eGreen Mile ephumelela kodwa iNMMU khange yazi, yaya eKapa izimisele ukubuyela eBhayi iphumelele.

Amaqela alingene ngamanqaku eKapa kodwa iIkeys izinyathele ngongaphumeleli idlalela ekhaya.

Eyona mfihlo eyokuphumelela indebe le ye Varsity Cup kukuphumelela yonke imidlalo yakho.

Ukuba awuzukwenza lonto qinisekisa ukuba uyaphumelela imidlalo yakho ekhaya ukuba ufuna ukuzinika ithuba lokudlala isemi-final ekhaya.

iPukke yenze njalo xa ibidlala ne Tuks nook yaphantse yayiphuncula imphumelelo ekugqibelelni kwaye neShimlas ne Maties xa bezi betha iWits neUJ.

Kusekutsha ukuba ndingatsho ukuba kuzophumelela bani na kolu khupjiswano kodwa abaphumelele kuleveki iphelileyo bakude le bona ngoku.

Kubonakala ngathi kuzobanzima kulamaqela ikuhamba indlela yonke yeVarsity Cup engabethwanga kungenxa yomgangantho yokudlala nokuzimisela kwamaqela.

Ekugqibeleni into ezokwahlula amaqela kukuphumelela engadlaleli ekhaya, lonto yohlula intshatsheli kumaqela adlala nje.

Nanko ke umbuzo, izakuba ngobani kulonyaka?

Ezintsha okanye okanye ezindlala?

Ndicela ibeligama elitsha kwindebe kulonyaka kodwa kwakufuneka balandela oyena mthetho olula, wonkugqiniseka bayaphumelela ekhaya.

For an English version of this article CLICK HERE

Joomla Random Flash Module by DART Creations