Columns

A numbers game

iFNB Varsity Cup oko yaba phambili ngokwazisa izinto ezintsha kulomdlalo wombhoxo.

Nakulonyaka uphelileyo basebenzile xa be sazisa indlela yokubala amanqaku.

Ukutshintshwa kwendlela ebekubalwa ngayo amanqaku kwenzelwe amaqela adlala umbhoxo olungileyo kodwa nokukwazi ukufumana amanqaku.

Iyonwabisa ke lonto, yonwabisa nabo baqala olukhuphiswano.

Into nje enye, yeyokuba abantu bombhoxo bayihlekile into ye conversion kungakumbi apha emzantsi Africa ngoba inika amanqaku ngaphezu kwe penalty.

Ewe ke asinakubangathi senza into enye ebisele yeziwa kodwa ukufumana indlela entsha yokwenza izinto.

Indlela yokubala amanqaku isebenza kakuhle mhlaba wonke ngakumbi kwabo bathanda uqobo lombhoxo kukhona kodwa maxesha apho umdlalo edinga uncedo, lelona cebo ke elo.

Ngelishwa ke xa unyukela embhoxweni inkulu into enokulahlekela.

Akukokonwabisa kuphela kodwa nokuphumelela kuba sebungaphekweni, amanqaku afumaneka nangepenalties ezi ukuqinisekisa impumelelo.

Amaqela amaninzi ayamkele lendlela yamanqaku kodwa banalo noxanduva lokudlala umbhoxo wenene.

Bekufuneka nje baqinisekise impumelelo kwimizuzu eyi 80.

Kuyo yonke imidlalo ye Varsity Cup edlaliweyo, iye ibankulu into.

Abadlali bafuna ukuphumelela.

Bakhetha ke ukuphumelela ngakumbi xa bedlala imidlalo eqotho.

Amaqela akasafuni ukudlala nje kuba ininzi into abanolahlekana nayo.

Bakhetha kwa ukudlala ngamanqaku kuba bangalahlekana nento eninzi xa bedlala umdlalo ovulekileyo.

Phitiphiti ipenalty ibalulekile ngesosizathu amaqela adlala nzima nje ukufumana inqaku noba lele try noba lele penalty, kodwa imbuyekezo ayifani.

Andithi masibuyele kundalashe apho ipenalty ibina namanqaku amathathu iconversion inamabini.

Kodwa kufuneka sizibuze ukuba lendlela kudlalwa ngayo ngoku iwuncedo ngantoni na kumbhoxo?

Mna ndiyawonwabela umdlalo xa abadlali belala emgceni ngakumbi ngaseziphalini ukunceda ukwenza umsebenzi wabakhabi beconversion lula.

Kodwa ndiphinde ndithande xakudlalwa nzima njengalomdlalo weTuks neMaties kuleveki igqithileyo xana ipenalty bezibaluleke nje nge tries.

CLICK HERE for an English version of this article

Joomla Random Flash Module by DART Creations